ZIZA KUGAGANA

IIKWAYA LA EZINKULU
Zonke llndlela ziza kubhek eStandard Bank Arena eJohannesburg ekupheleni konyaka xa kuza kube kukhethwa Ikwayala Ezllntshatsheli zika-1996 kwiikwayala eziphambili kweli. UBONGANI HLATSHWAYO uqwalasela okubonakala ngathi kuza kuba lukhuphiswano loompondozihlanjiwe kwi-OId Mutual National Choir Festival ngomhla wama-30 kuNovemba nowoku-1 kuDisemba.









































U
 BUKHO bamalungu eekwayala naba-bhexeshi abasuka KwaZulu Nntal naseMpuma-Koloni kukhuphiswano Iwamanqam lweekwayala zaseGauteng buchaza indlela eluguquke ngayo ukhuphiswano lweOld Mutual National Choir Festival kule minyaka idlulileyo.
Ezi ndwendwe bezingajongi ukuba ziza
kufumana ukhuphiswano olungakanani kuphela, koko bezilandela okuthethwa ngabagwebi ukuze bafumane amacebiso okutolika amaculo ekuza kukhutshiswana ngawo.
Iikwayala ziza kukhuphisana kwicandelo leStandard lamalungu angama-48 ekwa-yaleni) neLarge (enamalungu angama-60).
IPietermaritzburg Choral Society ebalasele iminyaka emithathu ilandelelana. KuIo nyaka iza kuqubisana nezinye iikwayala eziphambili kwaye amathuba okuba ibambelele kwintshinga yawo okwesine ayathandabuzeka.


Amaculo ekuza kukhutshiswana ngawo aluhlobo lwesiNtu naweKlasikhi aseNtshona.
lculo eliza kuculwa kwicandelo leStandard Iithi Karabo ke Bethele Iiqanjwe nguJosiel Naku Lepheana nelithi Happy Happy Shall  We Be ocatshulwe ku- Selepe kaHandel.













Kwicandelo leLarge kuza kuculwa iculo elithi Yekel'Amathwasa nelithi At Last Divine Cecilia Came ocatshulwe ku-Alexanders Feast kaHandel.
Mhlawumbi iza kubekw' elisweni iGauteng kulindeleke ukuba iphume indawo yokuqala nebisoloko ithatyathwa ziikwayala zaKwaZulu Natal kule minyakana idlulileyo.
IPietermaritzburg Choral Society ngokuqinisekileyo iza kubuya izokukhusela
IManziniAdult Choir yaseSwazini ebhexeshwa nguSikele!a Msibi ibisoloko izimise kakubi llkwaya!a ezininzi kolu khuphiswano.
Ngaba isenalo ifuthe ebinalo kwiminyaka




































intshinga eyizuze kule minyaka mithathu idlulileyo, kodwa akuzokuba Iula ukwenza oko.
Ikwayala ebuyeleyo kolu khuphiswano einva kweerigxwabangxwaba ebezihlasele le kwayala yiTsakane Adult Choir, eza
kuwunyusa ngeyona ndlela umgangatho wokhuphiswano.
Ngaphandle kwamathandabuzo iManzini Adult Choir
yaseSwazini iza kuzama ukugqwesa kangangoko inako.
INtshona-Koloni ebisoloko imelwe yiUCT Choir For Africa,
iza kuzixhalabisa iikwayala ezikhonyayo.
IMpuma-Koloni kusalindeleke ukuba ihluthe intshinga eya-phuncukana nayo emva kokuqhekeka kweMatthews Singers Choir yaseBhayi. Naxa kunjalo, mhlawumbi iza kwenza izinto zamehlo ikwayala yoiutsha yeYunivesithi yaseTranskei (iUNITRA).
Kunyaka ophelileyo abathandi bomculo weekwayala beva ikwayala esakhasayo yaseNorthern Province eyacula kamnandi gqitha kolu khuphiswano. Njengoko le kwayala inentwana yamava kulo nyaka isenokuba Iixhala kwezinye iikwayala.




USipho Gumede ongumsungull wentlanganisela yejazz fusion nesingqisho somculo wakwaNtu uyaqhubeka
nokuvelisa umculo onempembelelo ngenxa
yentsebenziswano entsha. UBUNTU -
HUMANITY licwecwe elitsha ellkhutshwe
Liqulunqwe nguBONGANI HLATSHWAYO
ZUZA ENYE YEE-CD
EZIYI-20 ZECWECWE
LAMVANJE LIKASIPHO
GUMEDE

1.	Ngubani owangenisa uSipho
kumculo wejazz?
2.	Lithini icwecwe lakhe lamvanje?
Amangenelo akho wathumele
apha:

BONA-SHEER SOUND, SIPHO
GUMEDE COMPETITION, P.O.
Box 1 5509, Doornfontein, 2028.

IGAMA                   IDILESI                   

IKHOWUDI              

Amangenelo makabe efikile
kuthi ngaphambi koDisemba 27, l996ongumhla wokuvalwa kolu khuphiswano.






.
USipho ushumayela ubuntu
kwicwecwe Iakhe elitsha
yile mvumi ecel'umngeni.

UNGUMFO onamava kwishishini lokuthicilela
amacwecwe eMzantsi-Aftika, le mvumi ibikade idlala ibhesi kwiSakhile iye yashicilela neendwalutho ezinjengoAbdullah lbrahim, uKippie Moeketsi, ul-lugh Masekela, iMango Groove noVicky Sampson.
USipho oyinkulelwane yaseThekwini waqalisa ukucula ngokukhalisa ifleyithi nekatala. Wathi xa ene1 6 leminyaka wadibana noCyril Magubane ongasekhoyo owayedume kumculo wejazz oye wamchazela ngomculo kaWes Montgomery nangejazz.
Ebalasele kwikatala nakwibhesi uSipho uye
wazama ithamsanqa njengemvumi ehlawulwayo waza
waya eJohannesburg.
Usipho wakhawuleza wadibana noBheki Mseleku.
Baseka ubuhlobo obuluqilima neqela ispirits
Rejoice. Aba babini baye baphengulula iinkalo
ngeenkalo zejazz fusion, balinga nento entsha ngokuxuba bavange lo mculo kunye nesingqisho somculo wakwaNtu eAfrika.
Ukususela ngezo mini uSipho uye wakhenketha eUnited States noHarry Belafonte, nakwamanye amazwe aseAfrika ekunye noHugh Masekela, uCaiphus Semenya, uLetta Mbuli noJonas Gwangwa kwikonsathi yomculo iBuwa, apho kwabalaseliswa imbali yomculo waseMzantsi Afrika. Kuthe ngo-1987 wacula noQuincy Jones kwiMontraux Jazz Festival kwiAfrican Evening.
Ngo-1995 uSipho Gumede wafumana ibhaso lempumelelo yakhe kwiJohnny Walker Black Label ngegalelo lakhe emculweni eMzantsi Afrika.





BONA XHOSA - December 1 996 41 UBONGANI HLATSHWAVO usiqulunqele 
le ngxelo  


l


U-Aaliyah
Uyakhonya Emculweni!

ZUZA 1-30 CDS
ZECWECWE LAMVANJE
LIKA-AALIYA NE- 7O
LEENDONDO ZELANGA
U-Aaliyah obefudula ecula umculo omnandi ezimbombeni zezitrato eminyakeni emibini edlulileyo, uye wavumbuluka nesakhe isimbo esimnandi nesichullweyo ukanti
Amangenelo wathumele apha:
BONA/TUSK MUSJC AALJYAH
COMPETITION, P.O Box 15509,
Doornfontein, 2028.

1.	Sichazele iiprodyusa ezimbini
zecwecwe elitsha likaAaliyah?
2.	Lithini icwecwe elitsha leIi
gqiyazana?

IGAMA:                   
IDILESI-                   

IKHOWUDl             

Amangenelo makabe sefiklle kuthi ngaphambi koDisemba 27, 1996.






























akaxhomekeke mntwini.

ICWECWE elithi One ln A Million nekulicwecwe lakhe elitsha, uAaliyah uthi gqi kwisimbo esitsha sefunk, etsho ngoncuthu lweebhaladi zothando neengoma ezinesingqisho esikhawulezayo.
Eli cwecwe litsho ngocwambu lwelizwi lomlonjikazi ozithembileyo nosandul ukubhaqwa.
U-Aaliyah uthe: Kwasekuqaleni ndithande ukuyila okuphuma kum nenkululeko yokuba eli cwecwe ndilijolise phi.
Ndithande ukuzimisela emculweni. Kuqala ndithande ukuzibekela isiseko. Ngoku ndiye ndakhupha konke endinako yaye ndilinge nezinye izinto.
Ngenxa yokuzinikela kwabavelisi abaselula nabaneziphiwo ukusuka kuKay Gee ukusa kuVincent V.H. Herbert noCraig King, ukusa kuJermaine Dupri, ulRodney Jerkins, uJ. Dibbs noDarryl Simmons -
lsiphumo licwecwe leemeko eziguqu-guqukayo, izandi ezinento yokwenza nesondo neentlobo-ntlobo zomculo omnandi.
Ngenxa yolwalathiso lukaBarry Hankerson neProdyusa ezizi Ngqondi uJomo Hankerson, uMicheal Haughton nocraig Kallman, eli cwecwe liqala ngeengoma ezicwengileyo ukusa kuncuthu lwejazz.
Kwingoma ethi lf Your Girl Only Knew, neyingoma yokuqala kweli cwecwe, uAaliyah ubonisa iziqhamo ezihle zokusebenzisana neprodyusa nombhali weengoma uTim Timbaland Mosley nombhali weengoma okwangumlungelelanisi, uMissy Elliot.
Eli qela lineengoma ezisixhenxe kwicwecwe elineengoma ezili-1 7.
U-Aaliyah uchithe iminyaka yokugqibela emibini ekhenketha athi aseYurophu, athi ngcu eJapan aze abuyele ekhaya eMzantsi-Afrika.



40 BONA XHOSA - December 1996

